Imizekeliso 13:20-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ohamba nezilumko uba sisilumko naye;Ke olikholwane lesidenge uya konakaliswa.

21. Aboni basukelwa bububi;Ke wona amalungisa ayavuzwa kokulungileyo.

22. Olungileyo ushiya ilifa kubazukulwana bakhe;Ubutyebi bomoni buqwetyelwe ilungisa.

23. Umkhubelo wamahlwempu unokudla okuninzi;Kukho ophetshethwa kukungabi nabulungisa.

24. Oyiyekileyo intonga yakhe umthiyile unyana wakhe;Ke omthandayo umqeqesha esemncinane.

Imizekeliso 13