Imizekeliso 12:7-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Bakuba bebhukuqiwe abangendawo, ababikho;Indlu yamalungisa iyema.

8. Indoda idunyiswa ngokwengqiqo yayo,Entliziyo igwenxa iba ngodelekileyo.

9. Ulungile ophantsi enesicaka,Ngaphezu kozizukisayo eswele ukudla.

10. Ilungisa liyawazalelela umphefumlo wenkomo yalo;Iimfesane zabangendawo zibubujorha.

11. Owusebenzayo umhlaba wakhe uhlĂștha kukudla;Osukelana nento engento uswele intliziyo.

12. Ongendawo ukhanuka okuzingelwa ngabanobubi;Ingcambu yamalungisa iyanika.

13. Ekuphosiseni komlomo kukho isirhintyelo esinobubi;Ke lona ilungisa liyaphuma embandezelweni.

14. Ngesiqhamo somlomo wayo indoda iyahlĂștha kokulungileyo,Nempatho yezandla zomntu ibuyela kuye.

15. Indlela yesimathane ithe tye kwawaso amehlo;Ophulaphula ukucetyiswa usisilumko.

16. Isimathane sikwazisa kwangaloo mini ukuqumba kwaso;Ke yena onobuqili uyakugubungela ukucukucezwa.

17. Ophefumla inyaniso uxela ubulungisa;Ingqina elixokayo lixela inkohliso.

Imizekeliso 12