Imizekeliso 11:7-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ekufeni komntu ongendawo liyaphela ithemba lakhe;Ukulinda kwabanamandla obudoda kutshabalele.

8. Ilungisa liyahlangulwa embandezelweni,Kufike ongendawo esikhundleni salo.

9. Intshembenxa iyamonakalisa ummelwane wayo ngomlomo;Ke ayahlangulwa amalungisa ngokwazi.

10. Isixeko siyadlamka ngokuhlala kakuhle kwamalungisa;Ekutshoneni kwabangendawo kuyamemelelwa.

Imizekeliso 11