1. Wathetha uYehova kuMoses, esithi,
2. Thetha koonyana bakaSirayeli, uthi, Xa athe ubani wona ngokulahlekana nomthetho kaYehova, nokuba nguwuphi na, wezinto ezingezakwenziwa, wenza enye kuzo:
3. ukuba umbingeleli othanjisiweyo uthe wona, bazeka ityala abantu: wosondeza kuYehova ngenxa yesono sakhe oné ngaso inkunzi entsha, ithole lenkomo eligqibeleleyo, libe lidini lesono.