Ilevitikus 27:12-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. umbingeleli ayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; yoba njengokulinganisela kwakho, wena mbingeleli.

13. Ukuba Ășthe wayikhulula okunene ngentlawulelo, makongeze isahlulo sesihlanu sayo kuko oko kulinganisela kwakho.

14. Xa athe umntu wayingcwalisa indlu yakhe ukuba ibe ngcwele kuYehova, umbingeleli makayilinganisele, abethe phakathi kwelungileyo nembi; njengoko umbingeleli ayilinganiseleyo, yoqiniseka ngokunjalo.

15. Ukuba lowo wayingcwalisayo uthe wayikhulula ngentlawulelo indlu yakhe, makongeze isahlulo sesihlanu sesilivere yokulinganisela kwakho kuko oko, ibe yeyakhe.

16. Ukuba umntu uthe wangcwalisa kuYehova inxalenye yentsimi yelifa lakhe, ukulinganisela kwakho makube ngokwembewu yayo, ihomere* yembewu yerhasi ngeeshekele* zesilivere ezimashumi mahlanu.

Ilevitikus 27