27. Inkomo, negusha, nebhokhwe, xa izalwayo, yoba mihla isixhenxe phantsi konina. Kuthabathela kusuku lwesibhozo nangasemva kwalo, iya kukholekisa, ibe ngumsondezo wasemlilweni kuYehova.
28. Inkomo, nokuba yigusha, ize ningayixheli ngamini-nye netakane layo.
29. Xa nithe nawubingelela umbingelelo wombulelo kuYehova, nòwubingelela ukuba unikholekise.
30. Wodliwa kwangaloo mhla, ningashiyi nto kuwo kude kuse: ndinguYehova.
31. Ize niyigcine imithetho yam, niyenze: ndinguYehova.
32. Ize ningalihlambeli igama lam elingcwele; ndongcwaliswa phakathi koonyana bakaSirayeli:
33. ndinguYehova oningcwalisayo, onikhuphileyo ezweni laseYiputa, ukuze ndibe nguThixo wenu: ndinguYehova.