22. Ingákudla ukudla koThixo wayo kwezinto eziziingcwele kangcwele, kwanezingcwele.
23. Kodwa mayingezi emkhusaneni, ingasondeli nasesibingelelweni, ngokuba inesiphako; ukuze ingayihlambeli ingcwele yam; ngokuba ndinguYehova obangcwalisayo.
24. Wakuthetha ke oko uMoses kuAron noonyana bakhe, noonyana bonke bakaSirayeli.