14. Ke ngomhla ebonakeleyo kuye inyama ekrwada, uyinqambi.
15. Aze ayikhangele umbingeleli inyama ekrwada, athi uyinqambi; inyama ekrwada iyinqambi: liqhenqa ke elo.
16. Naxa ithe yabuya inyama ekrwada, yasuka yaba mhlophe, woza kumbingeleli;
17. umbingeleli amkhangele, O! sisuke isibetho saba mhlophe, umbingeleli wothi uhlambulukile onesibetho; uhlambulukile ke yena.
18. Ke inyama, xa kuthe kwakho kuyo elùswini lwayo ithumba, laphola;
19. kwabakho endaweni yethumba ukufukuka okumhlophe, nokuba litshatshazi elifuna ukuba yingqombela, wobonakala kumbingeleli;