Iindumiso 92:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ekudubuleni kongendawo njengomfuno,Ekutyatyambeni kwabasebenzi bonke bobutshinga,Kukuze batshabalale ngonaphakade.

8. Ke wena, Yehova, ungophezulu ngonaphakade.

9. Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho, Yehova,Ngokuba ùyabona, iintshaba zakho ziya kutshabalala;Baya kuchithwa-chithwa bonke abasebenzi bobutshinga.

10. Ùyaluphakamisa uphondo lwam njengolwenqu;Ndigalélwe ioli entsha.

11. Iliso lam liyababonela abandilalelayo,Indlebe yam iyabeva abasukela phezulu kum benobubi.

12. Amalungisa aya kudubula njengesundu,Aya kukhula njengomsedare* weLebhanon.

13. Etyelwe nje endlwini kaYehova,Aya kutyatyamba ezintendelezweni zoThixo wethu.

Iindumiso 92