Iindumiso 83:6-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Iintente zakwaEdom nezakwaIshmayeli,AmaMowabhi namaHagari,

7. AmaGebhali nama-Amon nama-Amaleki,AmaFilisti kunye nabemi baseTire;

8. Nama-Asiriya athelele kubo,Baba yingalo koonyana bakaLote. (Phakamisani.)

9. Yenza kubo njengoko wenza ngako kumaMidiyan,NakuSisera, nakuYabhin esihlanjeni seKishon.

10. Batshabalala e-Endore,Baba ngumgquba wokugalelwa emhlabeni.

11. Bénzé bona, amanene abo ke, babe njengo-Orebhe nanjengoZebhe;Zonke iinkosi zabo zibe njengoZebha nanjengo Tsalimuna;

Iindumiso 83