Iindumiso 8:2-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Emlonyeni wabantwana nabanyáyo useké amandla,Ngenxa yababandezeli bakho,Ukuze udambise utshaba nophindezelayo.

3. Xa ndilikhangelayo izulu lakho, umsebenzi weminwe yakho,Inyanga neenkwenkwezi ozimisileyo:

4. Uyintoni na umntu lo, le nto umkhumbulelayo?Unyana womntu, le nto umvelelayo?

5. Umsilelise kancinane ebuThixweni,Wamthi jize ngobuqaqawuli nangobungangamela.

6. Umphathisé ubukhosi phezu kwemisebenzi yezandla zakho,Zonke izinto ùzibeke phantsi kweenyawo zakhe:

7. Impahla emfutshane, neenkomo zonke ziphelele,Kwaneenyamakazi zonke;

Iindumiso 8