Iindumiso 78:49-57 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

49. Wathumela kubo ukuvutha komsindo wakhe,Ukuphuphuma kwawo, nokubhavuma, nembandezelo,Ibutho lezithunywa zobubi.

50. Wawulungelelanisela umendo umsindo wakhe,Akawunqanda ekufeni umphefumlo wabo,Wabunikela ubomi babo kwindyikitya yokufa.

51. Wababulala bonke abamazibulo eYiputa,Iintlahlela zamandla obudoda ezintenteni zakwaHam.

52. Abantu bakhe wabafudusa njengezimvu,Wabaqhuba njengomhlambi entlango;

53. Wabakhapha bekholosile, bengankwantyi;Ke zona iintshaba zabo lwazigubungela ulwandle

54. Wabazìsa emdeni wakhe ongcwele,Kule ntaba sayizuzayo isandla sakhe sokunene.

55. Wagxotha iintlanga ebusweni babo,Wazenzela amaqashiso zalilifa elicandiweyo;Izizwe zakwaSirayeli wazihlalisa ezintenteni zazo.

56. Kodwa bamlinga, bamphikisa uThixo Osenyangweni,Àbazigcina izingqiniso zakhe,

57. Babuya umva, banginiza njengooyise.Bajika njengesaphetha esikhohlisayo.

Iindumiso 78