33. Wayiphelisa ke imihla yabo njengomphunga,Neminyaka yabo ngokukhwankqisa.
34. Xa wathi wababulala, bamquqela;Babuya bamquqela uThixo ngenyameko,
35. Bakhumbula ukuba uThixo uliliwa labo,UThixo Osenyangweni ungumkhululi wabo.
36. Ke bamthomalalisa ngomlomo wabo,Bamxokisa ngolwimi lwabo;
37. Intliziyo yabo ayaqina kuye,Àbanyaniseka emnqophisweni wakhe.
38. Ke yena unemfesane,Uxolela ubugwenxa ngocamagushelo, akonakalisi;Wawubuyisa futhi umsindo wakhe,Akabuxhoxha bonke ubushushu bakhe.
39. Wakhumbula ukuba bayinyama,Bangumoya omkayo, ongabuyiyo.