17. Amafu engqingqwa aphalaza amanzi,Isibhakabhaka savakalisa isandi;Ewe, iintolo zakho zahamba-hamba.
18. Izwi lendudumo yakho laba sesaqhwithini,Imibane yalikhanyisa elimiweyo,Lagungqa lanyikima ihlabathi.
19. Yaba selwandle indlela yakho,Nomendo wakho waba semanzini amaninzi;Ă€waziwa umkhondo wakho.
20. Wabakhokela njengezimvu abantu bakho,Ngesandla sooMoses noAron.