17. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kumkhonzi wakho,Ngokuba ndibandezelekile; khawuleza undiphendule.
18. Sondela emphefumlweni wam, uwukhulule;Ngenxa yeentshaba zam ndíkhulule.
19. Wena uyakwazi ukungcikivwa kwam, nokudaniswa kwam, nokuhlazwa kwam;Baphambi kwakho bonke abandibandezelayo.
20. Ingcikivo yaphula intliziyo yam, ndaphantsa ukufa;Ndathemba ukukhuzwa, akwabakho;Nokuthuthuzelwa, andakufumana.
21. Ukudla bándinika inyongo;Ekunxanweni kwam bándiseza iviniga.
22. Isithebe sabo phambi kwabo masibe ngumgibe;Sibe sisirhintyelo kwabanemasi.
23. Makabe mnyama amehlo abo, bangaboni,Usigxadazèlise isinqe sabo amaxesha onke.
24. Báphalazele ngobhavumo lwakho,Kubafikele ukuvutha komsindo wakho.
25. Ingqili yabo mayibe senkangala,Ezintenteni zabo kungahlali mntu;
26. Ngokuba bayamsukela obethwe nguwe,Bancokole ngomvandedwa wobahlabileyo wena.
27. Yongeza ubugwenxa ebugwenxeni babo,Bangàngeni ebulungiseni bakho.
28. Mabacinywe encwadini yobomi,Bangàbhalwa namalungisa.
29. Ke mna ndilusizana, ndinomvandedwa;Usindiso lwakho, Thixo, malundise engxondeni.
30. Ndiya kulidumisa igama likaThixo ngokuvuma,Ndilenze likhulu ngokubulela.
31. Oko kuya kukholeka kuYehova ngaphezu kweenkunzi ezintsha,Ezineempondo neempuphu.
32. Bebona abalulamileyo, bovuya;Nina bamquqelayo uThixo, intliziyo yenu mayiphile.
33. Ngokuba uYehova uyaweva amahlwempu,Akabadeli ababanjiweyo bakhe.
34. Malimdumise izulu nomhlaba,Ulwandle nento yonke enambuzelayo kulo.
35. Ngokuba uThixo uya kuyisindisa iZiyon, ayakhe imizi yakwaYuda,Bahlale khona, bayimé;
36. Ilidle ilifa imbewu yabakhonzi bakhe;Bahlale kuyo abalithandayo igama lakhe.