Iindumiso 66:6-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.

7. Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)

8. Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.

9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.

Iindumiso 66