Iindumiso 66:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Lonke ihlabathi liya kukunqula,Bakubethele uhadi;Balibethele uhadi igama lakho. (Phakamisani.)

5. Yizani, nibone imisebenzi emikhulu kaThixo,Engowoyikekayo ekwenzeni kwakhe koonyana babantu.

6. Wáluguqula ulwandle lwayinto eyomileyo;Bawuwela umlambo ngeenyawo;Apho savuya ngaye.

7. Ulolawula ngobugorha bakhe ngonaphakade;Amehlo akhe ayabonisela ezintlangeni;Abaziinjubaqa mabangaziphakamisi. (Phakamisani.)

8. Mbongeni, zizwe, uThixo wethu,Nivakalise ilizwi lendumiso yakhe.

9. Ulomisa umphefumlo wethu ebomini,Àkalunikela unyawo lwethu ekutyibilikeni.

10. Ngokuba ùsicikidile, Thixo;Ùsinyibilikisile njengokunyibilikiswa kwesilivere;

11. Ùsingenise emboniselweni;Ùbeke uxinzelelo esinqeni sethu;

12. Ùkhwelise abantu entlokweni yethu;Singéne emlilweni nasemanzini;Waza wasikhuphela endaweni enendyebo.

13. Ndiya kungena endlwini yakho ndinamadini anyukayo;Ndiya kuzizalisa kuwe izibhambathiso zam,

14. Eyazivulelayo imilebe yomlomo wam,Owazithethayo umlomo wam ekubandezelweni kwam.

15. Ndiya kunyusela kuwe amadini anyukayo eemvana ezityebileyo,Ndawonye nesiqhumiso seenkunzi zeegusha;Ndiya kwenza aweenkomo ndawonye naweenkunzi zeebhokhwe. (Phakamisani.)

Iindumiso 66