9. Tshabalalisa, Nkosi yam, yahlula ulwimi lwazo;Ngokuba ndiboné ukugonyamela nokubambana phakathi komzi.
10. Imini nobusuku bajikeleza ezindongeni zawo;Ubutshinga nokwaphula kuphakathi kwawo;
11. Ukweyelisela kuphakathi kwawo;Endaweni yembutho yawo akusuki ukuxinezela nokukhohlisa.
12. Ngokuba àsilutshaba olu lundingcikivayo;Bendiya kukuthwala oko.Àsingondithiyileyo lo uzikhulisayo kum;Bendiya kusithela kuye.