Iindumiso 50:11-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Iintaka zonke zasezintabeni ndiyazazi,Nento edakasa endle inam.

12. Ukuba bendilambile, ndibe ndingayi kukuxelela;Ngokuba lelam elimiweyo nenzaliseko yalo.

13. Ndidlè inyama yeenkunzi eziziimbalasane na?Ndisèle igazi leenkunzi zeebhokhwe na?

14. Bingelela kuYehova umbulelo,Uzizalise kOsenyangweni izibhambathiso zakho;

15. Ubìze mna ngemini yembandezelo,Ndikuhlangule, undizukise.

Iindumiso 50