Iindumiso 49:17-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ngokuba ekufeni kwayo ayiyi kuthabatha nento,Aluyi kuhla emva kwayo uzuko lwayo.

18. Nakuba umntu ekudleni kwakhe ubomi ebewusikelela umphefumlo wakhe,Bekudumisa ngokuzichwayithisa kwakho,

19. Úya kuya noko esizukulwaneni sooyise;Abayi kukubona ukukhanya naphakade.

20. Ke umntu onobuhandiba, abe engaqondi,Ufana neenkomo ezi zitshabalalayo.

Iindumiso 49