Iindumiso 48:3-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UThixo, ezingxandeni zawo ezinde,Wazélwa ukuba yingxonde.

4. Kuba nâbo ookumkani babenqophisene,Bawela beza kunye;

5. Bakuthi ukubona, àbakhuluma;Bakhwankqa, babaleka buphuthuphuthu;

6. Babanjwa khona kukuthuthumela,Kukuzibhijabhija njengozalayo.

7. Ngomoya wasempumalangaÙyazivitha iinqanawa zaseTarshishe.

8. Njengoko sikuvileyo, siboné kunjaloEmzini kaYehova wemikhosi, emzini kaThixo wethu:UThixo uyawuzinzisa ngonaphakade. (Phakamisani.)

9. Sayikhumbula, Thixo, inceba yakhoPhakathi kwetempile yakho.

Iindumiso 48