1. UThixo ulihlathi, uligwiba kuthi;Ezimbandezelweni ufumaneke eluncedo kunene.
2. Ngenxa yoko asoyiki ekuphendukeni kwehlabathi,Ekudilikeleni kweentaba esazulwini solwandle.
3. Makagqume alephuze amanzi alo,Iintaba zinyikime ngokukratsha kwalo. (Phakamisani.)