Iindumiso 42:9-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ndithi ke kuThixo oyingxondorha yam, Undilibele ngani na?Ndihambelani na ngezimnyama zokuzila ngokuxina kotshaba?

10. Ngento ephehlayo emathanjeni am, bayandingcikiva abandibandezelayo,Ngokuthi kwabo kum imihla yonke, Úphi na uThixo wakho?

11. Kungani na ukuba ùsibekeke, mphefumlo wam;Kungani na ukuba ugule ngaphakathi kwam?Lindela kuThixo, ngokuba ndisaya kubuya ndibulele kuye,Olusindiso lobuso bam, noThixo wam.

Iindumiso 42