Iindumiso 37:25-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Ndaka ndamtsha, kungokunje ndimdala;Ukanti andizanga ndilibone ilungisa lishiywa,Nembewu yalo ivukela ukutya.

26. Imihla yonke liyababala, liboleke abanye;Nembewu yalo iyintsikelelo.

27. Suka ebubini, wenze okulungileyo,Uhlale ngonaphakade.

28. Ngokuba uYehova uthanda okusesikweni,Angabashiyi abenceba bakhe;Bagciniwe ngonaphakade:Ke yona imbewu yongendawo iyanqanyulwa.

29. Amalungisa aya kulidla ilifa ilizwe,Ahlale kulo ngonaphakade.

30. Umlomo welungisa uxela ubulumko,Nolwimi lwalo luthetha okusesikweni.

Iindumiso 37