Iindumiso 21:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Ùya kubenza babe njengeziko lomlilo, wakubonakala.UYehova uya kubaginya ngomsindo wakhe,Nomlilo ubadle.

10. Ùya kusitshabalalisa isiqhamo sabo emhlabeni,Imbewu yabo koonyana babantu.

11. Ngokuba bakuthobela ububi,Bacinga iyelenqe; àbayi kufeza nto.

12. Ngokuba ùya kubenza bakunikele umhlana;Ngesaphetha sakho uya kuxuna iintolo zakho ebusweni babo.

13. Phakama, Yehova, ngamandla akho;Siya kuvuma sibethe uhadi ngobugorha bakho.

Iindumiso 21