Iindumiso 2:7-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Athi yena, Ndiya kuwuvakalisa ummiselo:UYehova uthe kum, ÙnguNyana wam wena;Mna namhla ndikuzele.

8. Cela kum, ndikuníke iintlanga zibe lilifa lakho,Iziphelo zehlabathi zibe zezakho.

9. Ùya kuzivikiva ngentonga yentsimbi,Uzihlekeze, zinge zizitya zodongwe.

10. Ngoko ke, nina bokumkani, qiqani;Bagwebi basehlabathini, yalekani.

11. Mkhonzeni uYehova nisoyika,Gcobani nithuthumela.

12. Mangeni uNyana, hleze aqumbe, nitshabalale endleleni,Ngokuba ungáhle uvuthe umsindo wakhe.Hayi, uyolo lwabo bonke abazímela ngaye!

Iindumiso 2