Iindumiso 136:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. KuloMenzi wemisebenzi ebalulekileyo emikhulu yedwa:Ngokuba ingunaphakade inceba yake.

5. KuloMenzi wezulu ngengqondo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

6. KuloMtwabululi wehlabathi phezu kwamanzi:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

7. KuloMenzi wezikhanyiso ezikhulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

8. Ilanga lilawule emini:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe;

9. Inyanga neenkwenkwezi zilawule ebusuku:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

10. Kulowabulala amaYiputa kumazibulo awo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

Iindumiso 136