Iindumiso 136:23-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Owasikhumbulayo ebuphantsini bethu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

24. Wasihlangula kwabasibandezelayo:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

25. Ulonika into yonke ephilileyo ukudla:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

26. Bulelani kuThixo wamazulu:Ngokuba ingunaphakade inceba yakhe.

Iindumiso 136