Iindumiso 135:1-5 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Dumisani igama likaYehova;Dumisani, nina bakhonzi bakaYehova,

2. Nimiyo endlwini kaYehova,Ezintendelezweni zendlu yoThixo wethu.

3. Dumisani uYehova, ngokuba elungile uYehova;Libetheleni uhadi igama lakhe, ngokuba kumnandi.

4. Ngokuba uYehova unyule uYakobi ukuba abe ngowakhe,Wanyula uSirayeli ukuba abe yinqobo kuye.

5. Ngokuba ndiyazi mna ukuba mkhulu uYehova,INkosi yethu ingaphezu koothixo bonke.

Iindumiso 135