Iindumiso 109:9-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Oonyana bakhe mababe ziinkedama,Nomkakhe abe ngumhlolokazi;

10. Babhadule bebhadula oonyana bakhe, becela,Bengqiba, bekude namanxuwa akowabo.

11. Umboleki-mali makakushwankathele konke anako,Abasemzini baphange ukuxelenga kwakhe.

12. Makungabikho wolulela nceba kuye,Kungabikho uzibabalayo iinkedama zakhe.

13. Izivela-mva zakhe mazibe zezokunqunyulwa,Igama lazo licinywe esizukulwaneni esizayo.

14. Mabukhunjulwe nguYehova ubugwenxa booyise,Singàcinywa isono sonina.

Iindumiso 109