Iindumiso 106:12-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Bakholwa ke ngamazwi akhe,Bayivuma indumiso yakhe.

13. Kanti bahle bazilibala izenzo zakhe,Àbalilinda icebo lakhe.

14. Bàkhanukile entlango,Bamlinga uThixo enkangala.

15. Wabanika abakubizayo;Wathumela ukungcumbeka emphefumlweni wabo.

16. Bamenzela umona uMoses eminqubeni,NoAron ongcwele kaYehova.

17. Wavuleka umhlaba, wamginya uDatan,Waliselela ibandla lika-Abhiram;

18. Umlilo walitshisa ibandla labo,Amalangatye abalenya abangendawo.

19. Bênza ithole eHorebhe,Baqubuda emfanekisweni otyhidiweyo.

20. Balwananisa uzuko lwaboNgento emilise okwenkomo edla utyani.

Iindumiso 106