42. Ngokuba wakhumbula ilizwi lakhe elingcwele, Wakhumbula uAbraham umkhonzi wakhe.
43. Wabakhupha abantu bakhe benemihlali,Abanyulwa bakhe bememelela.
44. Wabanika amazwe eentlanga,Bayihlutha inzuzo yokwaphuka kwezizwe,
45. Ukuze bayigcine imimiselo yakhe,Bayibambe imiyalelo yakhe.Haleluya!