Iindumiso 105:31-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

31. Wathetha, zafika izibawu,Iingcongconi, emideni yabo yonke.

32. Wabanika isichotho, saba yimvula;Umlilo walenya ezweni labo.

33. Wayibetha imidiliya yabo nemikhiwane yabo,Wayishwaqa imithi yemida yabo.

34. Wathetha, kwafika iinkumbi ezandayo,Nezikhothululayo, into engenakubalwa;

35. Zayidla imifuno yonke ezweni labo,Zazidla iziqhamo zomhlaba wabo.

36. Waza wababulala bonke abamazibulo ezweni labo,Intlahlela yamandla abo onke.

Iindumiso 105