Iindumiso 105:16-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wabiza indlala, yeza phezu kwelizwe,Wawaphula wonke umsimelelo osisonka.

17. Wathuma indoda phambi kwabo;Kwathengiswa ngoYosefu, waba likhoboka.

18. Bazicinezela iinyawo zakhe ngamakhmandela,Wafika umphefumlo wakhe esinyithini;

19. Kwada kwalixesha lokufika kwelizwi lakhe,Intetho kaYehova yamnyibilikisa.

20. Ukumkani wathuma, wamkhulula,Umlawuli wezizwe wamvulela;

Iindumiso 105