1. Yehova, wuve umthandazo wam,Kufike kuwe ukuzibika kwam.
2. Musa ukubusithelisa ubuso bakho kum ngemini yokubandezelwa kwam,NdÃthobele indlebe yakho;Ngemini endidanduluka ngayo khawuleza undiphendule.
3. Ngokuba iyaphela imihla yam njengomsi;Amathambo am avutha njengeziko.