Igenesis 9:14-20 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Kothi, ndakuwusibekelisa ngelifu umhlaba, ubonakale umnyàma lowo efini;

15. ndiwukhùmbule umnqophiso wam ophakathi kwam nani, nayo yonke imiphefumlo ephilileyo enyameni yonke, angabi sabakho amanzi onogumbe okonakalisa inyama yonke.

16. Umnyàma woba semafini ke, ndiwukhàngele, ndikhumbule umnqophiso ongunaphakade phakathi koThixo nayo yonke imiphefumlo ephilileyo, enyameni yonke esehlabathini.

17. Wathi uThixo kuNowa, Nguwo lowo umqondiso womnqophiso endiwumisileyo phakathi kwam nayo yonke inyama esehlabathini.

18. Ke kaloku oonyana bakaNowa, ábaphuma emkhombeni, babengooShem, noHam, noYafete; uHam ke nguyise kaKanan.

19. Aba bathathu ngoonyana bakaNowa; balizaza ihlabathi lonke.

20. UNowa wathi, engumlimi womhlaba, waqala watyala isidiliya.

Igenesis 9