Igenesis 6:8-11 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. UNowa yena wababalwa nguYehova.

9. Yiyo le ke inzala kaNowa. UNowa waye eyindoda elilungisa, egqibeleleyo, ezizukulwaneni zakhe. UNowa wahamba noThixo.

10. UNowa wazala oonyana abathathu: uShem noHam noYafete.

11. Ihlabathi lalonakele ebusweni bukaThixo; ihlabathi lalizele lugonyamelo.

Igenesis 6