15. Amadoda lawo awuthabatha loo mnikelo, neemali zombini aziphatha esandleni sawo, noBhenjamin, asuka ehla aya eYiputa, ema phambi koYosefu.
16. UYosefu wambona uBhenjamin enabo, wathi kumphathi wendlu yakhe, Wangenise loo madoda endlwini, uxhele, ulungise; kuba la madoda aya kudla nam emini enkulu.
17. Indoda leyo yenza njengoko watshoyo uYosefu; indoda yawangenisa amadoda endlwini kaYosefu.