9. Wathetha umphathi wabangcamli kuFaro, esithi, Ndiyasikhumbula namhlanje isono sam.
10. UFaro wayenoburhalarhume kubakhonzi bakhe, wandinikela elugcinweni endlwini yomthetheli wabasiki, mna lo, nomphathi waboji bezonka.
11. Saphupha iphupha ngabusuku bunye, mna naye; walowo waphupha ngokutyhilwa kwephupha lakhe.
12. Kwakukho kuthi umfana ongumHebhere, isicaka somthetheli wabasiki, sasixelela, sasityhilela amaphupha ethu, samtyhilela elowo ngokwephupha lakhe.
13. Kwathi, ngokoko sisityhileleyo, kwaba njalo; mna wàndibuyisela endaweni yam, omnye lowo wamxhoma.
14. UFaro wathumela, wambiza uYosefu. Bamgidimisa ukumkhupha emhadini; wazicheba, wanxiba ngubo zimbi, weza kuFaro.
15. Wathi uFaro kuYosefu, Ndiphuphe iphupha, akukho bani unokulityhila; mna ndive kusithiwa ngawe, ùyaliva iphupha ulityhile.