Igenesis 38:19-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.

20. UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.

21. Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing'awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng'awukazi apha.

22. Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng'awukazi apha.

23. Wathi uYuda, Malizithabathe, hleze sidelwe. Yabona, ndithumele eli takane, ke wena akulifumananga.

Igenesis 38