19. Wesuka wemka, wasisusa isigqubuthelo sakhe, wambatha iingubo zobuhlolokazi bakhe.
20. UYuda walithumela itakane lebhokhwe ngesandla sesihlobo sakhe saseAdulam, ukuze samkele isibambiso esandleni senkazana leyo; asiyifumananga ke.
21. Sabuza kubantu baloo ndawo, sathi, Liphi na ing'awukazi ebe lise-Enayim ngasendleleni? Bathi, Akubangakho ng'awukazi apha.
22. Sabuyela kuYuda sathi, Andilifumananga; nabo abantu baloo ndawo bathe, Akubangakho ng'awukazi apha.