Igenesis 37:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Bathetha omnye komnye besithi, Nanko lo mphuphi esiza.

20. Yizani ke ngoko, simbulale, simphose komnye wemihadi, sithi, Udliwe lirhamncwa, size sibone ukuba amaphupha akhe oba yintoni na.

21. Weva uRubhen, wamhlangula esandleni sabo; wathi, Masingambulali afe.

Igenesis 37