Igenesis 36:20-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

20. Ngabo aba oonyana bakaSehire umHori, ababemi kwelo zwe: uLotan, noShobhali, noTsibheyon, noAna,

21. noDishon, noEtsere, noDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, oonyana bakaSehire, ezweni lakwaEdom.

22. Oonyana bakaLotan babengamaHori, noHemam; udade boLotan nguTimna.

23. Ngabo aba oonyana bakaShobhali: nguAlevan, noManahati, noEbhali, noShefo, no-Onam.

24. Ngabo aba oonyana bakaTsibheyon: nguAya noAna. Ngulo Ana wayifumanayo imithombo eshushu entlango, esalusa amaesile kaTsibheyon uyise.

25. Ngabo aba oonyana baka-Ana: nguDishon; uAholibhama wayeyintombi ka-Ana.

26. Ngabo aba oonyana bakaDishon: nguHemdan, noEshbhan, noItran, noKeran.

27. Ngabo aba oonyana bakaEtsere:

28. nguBhilehan, noZavan, noAkan. Ngabo aba oonyana bakaDishan: ngu-Utse noAran.

29. Zizo ezi izikhulu zamaHori: isikhulu esinguLotan, isikhulu esinguShobhali, isikhulu esinguTsibheyon, isikhulu esinguAna,

30. isikhulu esinguDishon, isikhulu esinguEtsere, isikhulu esinguDishan; zizo ezo izikhulu zamaHori, ngokwezikhulu zabo ezweni lakwaSehire.

31. Ngabo aba ookumkani ababelawula ezweni lakwaEdom, kungekabikho kumkani unobukumkani kubo oonyana bakaSirayeli:

Igenesis 36