Igenesis 35:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wàkha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.

8. Wafa uDebhora, umanyisikazi kaRebheka, wangcwatywa ngasezantsi kweBheteli, phantsi kom-oki; kwathiwa igama layo nguMoki wokuLila.

9. UThixo wabuya wabonakala kuYakobi ekuveleni kwakhe ePadan-aram, wamsikelela.

10. Wathi uThixo kuye, Igama lakho nguYakobi; akuyi kuba sathiwa igama lakho nguYakobi, kuya kuthiwa igama lakho nguSirayeli; wamthiya ke igama elinguSirayeli.*

11. Wathi uThixo kuye, NdinguThixo uSomandla. Qhama, wande; uhlanga nesikhungu seentlanga siya kuvela kuwe, nookumkani baphume esinqeni sakho.

12. Ilizwe endalinika uAbraham noIsake ndiliniké wena; ndiliniké imbewu yakho emva kwakho ilizwe elo.

13. Wenyuka uThixo, wemka kuye kuloo ndawo abethethe naye kuyo.

14. UYakobi wamisa isimiso kuloo ndawo abethethe naye kuyo, isimiso samatye; wathulula phezu kwaso umnikelo othululwayo, wagalela neoli phezu kwaso.

Igenesis 35