Igenesis 35:5-7 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Banduluka; uqhiphulo-mbilini ngoThixo lwaba phezu kwemizi ngeenxa zonke kubo, àyabasukela oonyana bakaYakobi.

6. Wafika uYakobi eLuzi, esezweni lakwaKanan, ekwayiBheteli, yena nabo bonke abantu ababenaye.

7. Wàkha khona isibingelelo, wathi loo ndawo ukuyibiza nguThixo waseBheteli; kuba kulapho uThixo wazityhilayo kuye, ekubalekeni kwakhe ebusweni bomkhuluwa wakhe.

Igenesis 35