Igenesis 32:23-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Wabathabatha ke, wabaweza emfuleni lowo, waziweza zonke izinto abenazo.

24. UYakobi wasala yedwa; kwazamana indoda naye kwada kwathi qhiphu ukusa.

25. Yakubona ukuba ayimeyisi, yachukumisa usikrobana womlenze wakhe, wancothuka usikrobana womlenze kaYakobi ngokuzamana nayo.

Igenesis 32