Igenesis 31:49-53 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

49. neliyiMizpa,* ngokuba wathi, Makabonisele uYehova phakathi kwam nawe, sakuba sisithelene;

50. ukuba ùthe wazicinezela iintombi zam, nokuba ùthe wazeka abafazi phezu kweentombi zam, akukho bani unathi. Khangela, uThixo ulingqina phakathi kwam nawe.

51. ULabhan wathi kuYakobi, Yabona le mfumba, yabona esi simiso ndisiphakamisileyo phakathi kwam nawe; ingqina yile mfumba,

52. ingqina sesi simiso, ukuba andiyi kugqitha mna kule mfumba ndiye kuwe, ukuba akuyi kugqitha wena kule mfumba nakwesi simiso uze kum, senzane ububi.

53. UThixo ka-Abraham, uThixo kaNahore, uThixo woyise wabo, makagwebe phakathi kwethu. UYakobi wafunga Ohlonelwa nguyise uIsake.

Igenesis 31