Igenesis 31:42-46 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Koko uThixo kabawo, uThixo ka-Abraham, Ohlonelwa nguIsake, waba nam, inene ùnge ùndindulule ndilambatha ngoku. UThixo uzibonile iintsizi zam nokuxelenga kwezandla zam, wakohlwaya phezolo.

43. ULabhan waphendula wathi kuYakobi, Iintombi ziintombi zam, oonyana ngoonyana bam, impahla emfutshane yimpahla yam, neento zonke ozibonayo zezam. Ndinakwenza ntoni na namhla ezintombini zam ezi, nakoonyana bazo ezibazeleyo?

44. Yiza ngoku, senze umnqophiso, mna nawe, ube lingqina phakathi kwam nawe.

45. UYakobi wathabatha ilitye, waliphakamisa lasisimiso.

46. Wathi uYakobi kubazalwana bakhe, Cholani amatye. Bathabatha amatye, benza imfumba, badla khona phezu kwaloo mfumba.

Igenesis 31