Igenesis 30:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wabuya wamitha uBhiliha, umkhonzazana kaRakeli, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

8. Wathi uRakeli, Ndizamene nodade wethu imizamo kaThixo, kananjalo ndeyisa; wamthiya igama elinguNafetali.*

9. Ke kaloku wabona uLeya ukuba unqamkile ukuzala, wathabatha uZilipa, umkhonzazana wakhe, wamnika uYakobi ukuba abe ngumfazi.

10. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana.

11. Wathi uLeya, Lithamsanqa! Wamthiya igama elinguGadi.*

12. UZilipa, umkhonzazana kaLeya, wamzalela uYakobi unyana wesibini.

13. Wathi uLeya, Ndiva uyolo, ngokuba iintombi ziya kuthi ndinoyolo. Wamthiya igama elinguAshere.*

Igenesis 30