Igenesis 30:21-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Emveni koko wazala intombi, wayithiya igama elinguDina.*

22. Ke kaloku uThixo wamkhumbula uRakeli, uThixo wamphulaphula, wasivula isizalo sakhe.

23. Wamitha, wazala unyana, wathi, UThixo ukususile ukungcikivwa kwam.

24. Wamthiya igama elinguYosefu,* wathi, UYehova makongezelele omnye unyana.

25. Kwathi, xa uRakeli ebemzele uYosefu, wathi uYakobi kuLabhan, Ndíndulule ndiye endaweni yakowethu, ezweni lakowethu.

26. Ndínike abafazi bam nabantwana bam, endikukhonze ngenxa yabo, ndihambe; kuba wena uyayazi inkonzo yam endikukhonze ngayo.

27. Wathi uLabhan kuye, Ukuba kaloku ndibabalwe nguwe, hlala; ndihlabé ukuthi uYehova undisikelele ngenxa yakho.

Igenesis 30